Wikipedia
xhwiki
https://xh.wikipedia.org/wiki/Iphepha_Elingundoqo
MediaWiki 1.39.0-wmf.25
first-letter
Media
Special
Talk
User
User talk
Wikipedia
Wikipedia talk
File
File talk
MediaWiki
MediaWiki talk
Template
Template talk
Help
Help talk
Category
Category talk
TimedText
TimedText talk
Module
Module talk
Gadget
Gadget talk
Gadget definition
Gadget definition talk
IsiXhosa
0
1030
33946
31240
2022-08-19T09:14:43Z
Azoma2906
11771
wikitext
text/x-wiki
{{Ulwimi|
| ulwimi = IsiXhosa
| map = [[File:South Africa Xhosa speakers proportion map.svg|right|250px|Inani yabathethi yesiXhosa eMzantsi Afrika: abantu abathetha isiXhosa ekhaya.
{{columns
|col1=
{{legend|#eff3ff|0–20%}}
{{legend|#bdd7e7|20–40%}}
{{legend|#6baed6|40–60%}}
|col2=
{{legend|#3182bd|60–80%}}
{{legend|#08519C|80–100%}}
{{legend|#646464|abakho bahlali}}}}]]
| amazwe = [[uMzantsi Afrika|Mzantsi Afrika]]
| iso1 = xh
| iso2 = xho
| iso3 = xho
}}
[[File:IbalilikaNomathemba.ogg|thumb|Ibali Xhosa]]
'''IsiXhosa''' lolunye lweelwimi zase[[uMzantsi Afrika|Mzantsi Afrika]] ezingundoqo nezaziwayo. Sithethwa ngabantu abaqikelela kwi-7.6 sezigidi okanye i-18% lwabemi baseMzantsi Afrika luphela, ngakumbi kwiphondo le[[IPhondo yaMpuma-Koloni|Mpuma Koloni]] nele[[IPhondo yaNtshona-Koloni|Ntshona Koloni]] e[[uMzantsi Afrika|Mzantsi Afrika]]. Kwimbali yakwaXhosa sinamaqhawe ngamaqhawe kwimiba emininzi. Sinabo [[Ababhali besiXhosa|ababhali besiXhosa]] abathi baqaqamba ekunikeni imbali eyiyo ngoXhosa beyinika ngesiXhosa. Zininzi ke iingongoma abanyathela phezu kwazo aba babhali.
Njengazo zonke iilwimi zesiNtu, isiXhosa lulwimi oluhambisana kakhulu nezandi ezenziwa ngamagama. Oko kukuthi amagama abhalwa ngokufanayo nqwa angabizwa ngeendlela ezingafaniyo (ukuwa nokunyuka kwentsholo eyenziwayo xa kubizwa lo magama); namagama abhalwa ngokufanayo angaba neentsingiselo ezingafaniyo. Ngamanye amazwi isiXhosa sisebenzisa amaqabane kunye nezakhi ngokohlobo oluthile olwenza intsingiselo nemvakalo yamagama afanayo nqwa ingafani. Okona kubalulekileyo nangakumbi kulwimi lwesiXhosa kukuba lusebenzisa iziqhakancu, u-x, u-c, no-q.
Udumo lwesiXhosa lubonakala kumhobe wesizwe saseMzantsi Afrika, UNkosi sikelela iAfrika, owabhalwa nguEnoch Sontonga nowaye ngumXhosa ngokokuzalwa. Kwalona igama lolwimi lunesandi u-x. UMama u[[Miriam Makeba]] owayeyimvumi yaseMzantsi Afrika, walusasaza udumo lwengoma ethi "Igqirha lendlela" ebhalwe ngesiXhosa. Loo ngoma idume ngokuba nezandi/neziqhakancu u-q, u-gq no-ngq.
Lona ke ulwimi lubhala ngesiLatini, lunefonetiki nolwimi ulufundiswayo ezikolweni, koonokholeji nasezidyunivesithi.
Ulwimi lwesiXhosa kukuphela kolwimi lwesintu olufundiswa esikolweni eMpuma Koloni. Umzekelo: nangona amaMpondo ethetha isiMpondo, amaBhaca ethetha isiBhaca ngokuthi ayatshefula, nabanye abantu bethatha iilwimi zabo, kodwa xa kusiyiwa esikolweni, lunye ulwimi lwemveli olutitshwa ezikolweni, sisiXhosa. Zohluka-hlukene iintlanga zaseMpuma-Koloni. Kukho amaMpondo (utata u[[Oliver Tambo]] uliMpondo, Kukho abaThembu (utata uMandela ungumThembu), amaBhaca, amaMpondomise, amaMfengu, amaRharhabe, amaGcaleka, amaNgqunukhwebe kunye nezinye izihlakani. Loo nto eye yadala ukubakho kwesiXhosa seengingqi.
{{commonscat|Xhosa language}}
{{stub}}
==Ababhali ababalulekileyo==
=== UNontando Jabavu ===
Umbhali nentatheli u[[Helen Nontando]] (Noni) Jabavu wazalelwa kusapho lwezifundiswa eMpuma Koloni ngama-1919. Wathi akubaneminyaka elishumi elinesithathu, wafunda eNgilandi, waqhubekeka ehlala phaya iminyaka emininzi. Waba ngomnye wababhali neentatheli zase-Afrika ezingamanina.
[[File:Noni Jabavu.png|thumb]]
Ngama-1955 uNoni Jabavu wabuyela eMzantsi Afrika wahlala iinyanga ezintathu. Watyelela uyise uNjingalwazi D.D.T. Jabavu waseForthare, nezizalwane eMpuma Koloni naseGoli. i’''The Ochre People’'' eyapapashwa okokuqala ngama-1963 yingxelo ecacileyo yohambo lwakhe nequlathe iinkumbulo ezicace gca neziqondakalayo zelizwe awayelithanda nabantu awadibana nabo.
“Ilizwi lombhali” ku''Drawn in Colour'' nalo lingabangumdla:
“Ndingowamazwe amabini endinyaniseke kuwo: UMzantsi Afrika apho ndazalelwa khona neNgilandi apho ndafunda khona. Ndithe xa ndifumana intambo evela kutata, ndabhabha ndabuyela eMzantsi Afrika ukuze ndibephakathi kwaBantu bakuthi, ndishiya umyeni wam onguMngesi emva eLondon. Ekupheleni kwala nyaka, mna naye saya kuhlala eMpuma Afrika, ukusondelela udade ekukuphela kwakhe owayetshatele apho. Apha ndibalise nto ngemvelaphi neemeko endisuka kuzo. Le yingxelo yam ngamava neendlela zokubona izinto zomahluko phakathi kweMpuma noMzantsi Afrika ekungeniseni kwazo intlalo yaseNtshona.
UJabavu wasweleka nge-19 kweyeSilimela ngama-2008 eneminyaka engama-88. Lo mqolo ulandelayo obhalwe yimbongi uMakhosazana Xaba yimbeko efanelekileyo enokunikwa ngenxa yesakhono sakhe sokubhala nobuntatheli.
Isigqibo sam sokubhala ibali ngobomi bukaNoni Jabavu siqhutywe kukufuna ukwazi nokucaphuka okungazenzisiyo ngenxa yento ebibonakala kum njengokungaqatshelwa kwendima yakhe yokuqala njengombhali nentatheli. Ubani kufuneka afunde nje iincwadi zakhe ezimbini (u''Drawn in Colour'' no''The Ochre People'') ukuze abone ukuba wayenesiphiwo kangakanani njengombhali weziganeko zobomi. Iikholamu zomhleli zakhe zobuntathetheli zibonakalisa isimbo sokuchaza esakha umfanekiso-ngqonweni ebekufanele ukuba besingaqhelekanga ngexesha lakhe. Ngelixa bendinodliwano-ndlebe noWally Serote owayehlala eBotswana mgokuya uNoni wayehlala khona naye, ndifunde nto eqinisekise iingcinga zam zokuqala ngaye.
“Wayesithi thina madoda asikwazi ukunxulumana naye (uNoni). Wayelinina elaliphila ngaphaya kwamaxesha ethu.” Le nto ithetha lukhulu nangakumbi kuba uSerote yingcali yoncwadi nezenkcubeko yena kuqala.
===UTiyo Soga===
Umhlahlindlela wengqondi yeAfrika uTiyo Soga wazalelwa kwiphondo leMpuma Koloni ngonyaka we-1829. Unina yayinguNosuthu, uyise, uJotello Soga wayengumcebisi omkhulu weNkosi eyongameleyo yamaXhosa, iNkosi uNgqika.
USoga wahamba isikolo seemishinari apho uphawu lwakhe lobulunga lwaqatshelwa yimishinari, uWilliam Chalmers owamlungiselela ukuba abhale uviwo lokungena eTyhume kwisikolo sabafundisi ngonyaka we-1844.
Usoga kuviwo, wakhwankqiswa yingxaki yokuthabatha elula ebhodini. Nangona kunjalo, uChalmers waqinisekisa intloko yaseTyhume, uWilliam Govan amkele uSoga owathi ekuhambeni kwexesha wazibonakalisa, engomnye wabo bathathu babephumelele emagqabini phantse kuzo zonke izifundo zakhe.
Ngonyaka we-1846, “iMfazwe yeZembe” yehla ngakumda kwiphondo leMpuma Koloni, uSoga wazikhusela kunye nonina eFort Armstrong, waqhubeka nokufunda ebusuku ngomlilo. UWilliam Govon wagqiba kwelokubuyela eScotland kwaye wathathela uSoga kuye ukuqhubela phambili amathuba akhe.
USoga ekuthiwa waguqukela ngokugqibeleleyo kwinkolo yobuKrestu eseyinkwenkwana ngenxa yamava okholo awawafumana kwisikolo secawa, waye waphehlelelwa eScotland ngonyaka we-1848.Wabuyela kwiphondo leMpuma Koloni, ukusukela ngonyaka we-1849 wasebenza njengotitshala ngenkolo yobuKrisru nomvangeli phambi kokuba abuyele eScotland ayokufunda izifundo zobuThixo. USoga wathweswa isidanga kwizifundo zobuThixo kwiYunivesithi iGlascow enama-27 eminyaka, wabekwa njengomfundisi webandla i-United Presbyterian Church ngonyaka we-1856, umAfrika wokuqala ukuphumelela oku.
Ngonyaka we-1857, watshata nentokazi yaseScotland,uJanet Burniside. Babenabantwana abasixhenxe. Phambi kokuba abhubhe ngonyaka we-1871, wayalela abantwana bakhe,abanye ewayefuna bafumane imfundo eScotland, ingazange yabenzela ntloni into yokuba uyise wabo wayengum-Afrika. “Yiyo nayiphi na intwana elunge necwenge njengaleyo yehla kwimithambo yabazalwane bam abanyanisekileyo”, wabhala.
Wabiza abantwana bakhe ukonwabela inkumbulo ngomama wabo “njengonobulungisa, inkathalo noqoqosho, intokazi engumKrestu”. “Nakuhlala ninombulelo nokunxulumana kwenu nolumanyano nohlanga olumhlophe”, wabayalela. USoga wabonisa nokuqondana ngokobuzwe ngokubhekiselele kulwabelwano lohambo lwawo onke ama-Afrika, kuquka ukuthi saa kwamakholwa. Kuhambo lwakhe lokubuyela eMzantsi Afrika ngonyaka we-1857, wabhala into ngoku eyaziwa njengephephandaba lokuqala ukuveliswa ngumntu omnyama woMzantsi Afrika.
USoga wabhala iintsomi, amaqhalo, amavo, umlibo weenkosi nembali kwaye ekuthanda ukuqamba amaculo ecawa. Wasebenza ngokungadinwa, efundisa, eshumayela, ebhala- de impilo yakhe yaxhwaleka wosulelwa nasisifo sephepha ngonyaka we-1866.
Nangona kunjalo, waqhubeka wasebenza kuguqulo lwendumasiso lwenoveli yodidi engumzekeliso kaJohn Bunyan, Uhambo lomhambi,walenza ibali lahambelana namava amaXhosa kwaye walenza lwaba lolona ncwadi lubalulekileyo nolunempembelelo kwinkulungwane ye-19 kuMzantis Afrika emva kweBhayibhile. Emva kweminyaka emini, wonyulwa kwibhodi ukuhlaziya uguqulo lweBhayibhile yesiXhosa apho wabanegalelo elikhulu. Nangona, uSoga zange aphile ukuze abone ukupapashwa kwayo. Wasweleka ngenxa yesifo sephepha eThuthurha ngaseGcuwa ngonyaka we-1871 eneminyaka engama-42.
===UNtsikana===
[[UNtsikana]] wasungula umbutho wokuqala wamakrestu angam’Afrika pha ngeminyaka ye-1815. Wayekwangumbali wokuqala ngesixhosa obalaseleyo wamaculo ecawa, kwaye iculo lakhe elibalaseleyo liyavela kwiincwadi ezininzi zamaculo ecawa zalemihla. UNtsikane lo wazalwa pha ngeminyaka ye-1780 kwiziswe sikaNgqika owayongamele amaRharhabe, wabaliphakathi ngokomnombo. Wayekhona xeshikweni iwhite settlement ye Eastern Frontier isanda kwaye kukho ungquzulwano phakathi kwamaXhosa nalamasetilane matsha. Utata kaNtsikane, uGaba wayenesithembu njengenkoliso yamaXhosa phambi kokuba aguqulwe (Bokwe 1914,4). Umama wakhe uNonabe wayengumfazi wesibini. Umfazi wokuqala wayenesikhwele waza wathyola uNonabe ngobugqwirha, uNonabe wanyanzeleka ukuba abaleke asindise ubomi bakhe. Emveni kwenyanga ezimbalwa uNtsikana wazalwa. Utata kaNtsikana waya kumlanda xa wayeneminyaka elishuni elinesibini. Njengoko uGaba wayezele intombi kumfazi wokuqala, uNoyiki wamamkela njengonyana wakhe. UNtsikane ukhule esolusa umhlambi katata wakhe kwaye efunda nokuzingela. Xeshikweni elulutsha, uVan Der Kemp weLondon missionary society waza kulenginqgi ihlala uNtsikana. Ukusuka ngowe-1799 ukuya kowe-1801 lemissionary yazama ukushumayeza kodwa impumelelo yayo yabancinci. UNtsikane waqala ukuwuva kuye lomyalezo wobuKrestu. UVan Der Kemp wawushiya umhlaba kaNgqika waya kuhlala eGraaff-Reinet. Imfazwe yalandela kwi-eastern frontier phakathi kweenkosi eziitshatsheleyo zakwaRharhabe, uNgqika noNdlambe. Le mfazwe yaphela kwidabi lase-Amalinda apho uNgqika wohlulwa khona. Amajoni kaNdlambe ahlasele iGrahamstown ngowe1819 (kwi frontier war yesihlanu) kwaye umda wamiliselwa phakathi komlambo iKeiskamma ne Fish river. Zange kwafika missionary kwingingqi kaNtsikane de yabangowe-1816. Yayingumfundisi uJoseph Williams, owavula imissionary station ecaleni komlambo iKat.
Emveni kobukhwetha nokungena ebudodeni, uNtsikana wathwalelwa abafazi ababini. uNontsonta owabangumama kaKobe, uNomamto owabangumama kaDukwana nabaninawa bakhe ababini. Ekuswelekeni kukatata wakhe, uNtsikana wafumana ilifa. Ngelixesha uNtsikane wayeneembono. Wayenenkunzi yenkomo awayeyithanda Kunene, yayilubhelu inamacokoza amhlobhe ineempondo ezinkulu igama layo inguHulushe. Ngenye intsasa wavukela ebuhlanti waya waphawula imitha yelanga ekhanya ukodlula eminye ikhanya kwicala lale nkunzi. Wakhangela imvelaphi yalemitha. Xa ebuza uKobe owayemi ecaleni kwakhe ukuba usibonile na esi sehlo, ukobe waphendula ngelithi hayi andibonanga nto. UNtsikana wamangaliswa sesisehlo. Kwenzeka omnye ummangaliso kwangaloomini emtshatweni. UNtsikana waya waguduka nosapho lwakhe, kwalapha endleleni waya wavasa imbola yakhe. Akekho owayekuqonda okwenzekileyo kuye. Ekuhambeni kweentsuku waqala wandumzela iculo elaphela iliculo lakhe lecawa. Waxelela abantu ukuba kumele bathandaze, waqala ngoko ukubamba inkonzo rhoqo. Wathi mabangalimameli ela xhwele uNxele. Oku yaba sisiqalo sebandla lakhe. UNtsikane akazange ahlale eMission kodwa wayemndwendwela umfundisi uWilliams, nasekuswelekeni kuka Williams waqhubekeka endwendwela umfundisi uBrownlee. Phambi kokuba asweleke ngonyaka we-1821 wayecinga nzulu ngokuyokuhlala kwimissioni iChumie (Hodgson 1981,6). UNtsikana wabhala amaculo ecawa amane, elona laziwayo leli lakhe. Onke asafumaneka kwiincwadi zale mihla zamaculo ecawa.
===Albertina Nontsikelelo Sisulu===
UNkosikazi Nontsikelelo Albertina Sisulu wayengomnye wabantu abafaka isandla ekulweni ingcinezelo, nokwangumhlolokazi wegqala lomzabalazo uMnumzana uWalter Sisulu. Umzabalazo weli loMzantsi Afrika udale iinkokheli ezibo0nakalise ukukhalipha nokuzimisela okubalaseleyo ekujongneni nenkohlakalo yentshutshiso.
U- Albertina Sisulu ube phambili kumzabalazo phantse isiqingatha sonke senkulungwane esilwa inkohlakalo nentshutshiso yenqala, eyeyibangelwa lulawulo ngokobuhlanga. Akabanga ngumzekelo ophilayo nje kumoya wentshukumo yenkululeko, kodwa kwindima ebalulekileyo edlalwa ngabafazi kuwo.
U- Albertina wabangomye woomama ababekhokele amawaka amanina awayesingisele kwiZakhiwo Zomanyano ePitoli, ngexesha le-Women’s March eyindumasi. UAlbertina wazalelwa Phesha-KweNciba ngomnyaka wama-1918. Kwimpilo kamama wakhe eyayingentle, uAlbertina owayeneminyaka elishumi elinanye wayalelwa nguyise owayesele elele kwikhuko lakhe lokufa ukuba aze ajonge abanakwabo kunye noodade bakhe.
U- Albertina wayenezicwangciso zokuba nguNongendi, kodwa endaweni yoko waphela egqiba ekubeni abe ngumongikazi ukuze ukubhatala izifundo zabantakwabo. Ngomnyaka wama- 1944 waye wazimanya ngeqhina lomtshato kunye noMnumzana uWalter Sisulu. Umyeni wakhe wamkhuthaza ekubeni azibandakanye nezopolitiko nasekuncedeni uluntu. Njengomongikazi wayila ucwangciso-ntsapho kummandla wase-Orlando.
Uthe ngomnayaka wama -1955 wazibandakanya nombutho we – A.N.C Women’s League. Ngomnyaka wama – 1956 u-Albetina ekunye noLilian Ngoyi, u-Helen Joseph kunye no-Amila Cachalia, bakhokela amawaka amanina ukusingisela ukusingisela kwiZakhiwo Zomanyano ePitoli ngexesha le Women’s March eyindumasi eyayichasene noluntu oluntsundu ekunyanzelisweni ukuba luphathe amapasi.
Wayengomnye wabaseki bombutho i- United Democratic Movement, I - U.D.M ngamafutshane. Mhla umyeni wakhe wonyulwa njengonobhala jikelele wokuqala weqela le -African National Congress, i - A.N.C ngamafutshane, u – Albertina waba ngumondli – ntsapho.Wayekwalilo neqhagamshela leenkokheli ze – A.N.C Kunye nezo zaziselubhacweni. Amapolisa okhuselo ayemnbandezela rhoqo, kwaye ethintelwa, agwetyelwe ukuhlala ngendlu okanye avalelwe entolongweni, maxesha wambi avalelwe yedwa.
Abakwa Sisulu balizwa ngabantwana abahlanu; u-Max, uLungi, uZwelakhe, uLindiwe kunye noNkululeko, nabantwana abathathu ababamnkela njengababo. Aba ke ngabantwana bodadeka – Walter; u- Gerald, u- Beryl kunye no- Samuel, udade kaWalter wakhula evana kakhulu noWalter ngexa wayeseluvalelweni eRobben Island.
Bonke abantwana babo bakhulele endlwini yabo eyayiseSoweto. Baye bafudukela endlwini entsha eyayise- Linden, eRhawutini kwiminyaka emine nje phambi kokusweleka kuka tata u- Walter, U- Albertina wayigqithisela kubantwana babo imbophelelo yakhe kumzabalazo. Unyana wabo omkhulu u- Max wabanjwa eneminyaka eli-17, waya elubhacweni emva kokubanjwa kukayise e- Rivonia ngomnyaka wama- 1963.
Umntakwabo uZwelakhe wabandakanyeka kupapasho lwe- New Nation eyayisele inyinwe izihlandlo eziliqela. Naye wakhe wabanjwa iminyaka emibini ngaphandle kwengxoxo yetyala lakhe. Sele iyiminyaka engamshumi amahlanu u- Albertina wazibophelela kwi- Albertina Sisulu Foundatione egxile kwimiceli-mngeni abantwana nabantu abadala abajongene nayo. Waye wahlonitshwa ngokuzinikela kwakhe kumzabalazo owawuchasene nocalu-calulo kunye nomsebenzi wentlalo-ntle phakathi kwamanina kunye nabantwana, mhla i- World Peace Council yase- Basel, e- Switzerland yamonyula njengo mongameli wayo.
Ngomnyaka wama-2002 umolokazana wakhe u-Ellinor Sisulu washicilela ibali ngobomi babazali bomyeni wakhe, eyathiywa ngesihloko esithi, “Walter & Albertina Sisulu – In Our Lifetime” apho achaza khona ibali lesi sibini sibalaseleyo. Umama uSisulu wasweleka ngequbuliso ekhayeni lakhe elise – Linden, eRhawutini eneminyaka engama- 92 ngomhla we – 2 KweyeSilimela ngomyaka wama- 2011.
{{DEFAULTSORT:Xhosa}}
[[Category:IsiXhosa| ]]
===UWellington Gqoba (1840-88)===
[[UWilliam Wellington Gqoba]] (1840-88) wayedume kakhulu ngasekupheleni kwenkulungwane yethoba, kwizifundiswa zaseAfrika, nezaziphuma kummandla weMpuma-Koloni yoMzantsi Afrika.
Ngokomsebenzi, wayengumakhi weenqwelo, engumshumayeli osesikweni we''Free Church of Scotland'', engutitshala, engumbhali wembali, eyimbongi, engumbalisi weembali, iintsomi namaqhalo, ekwanguye nomhleli. Ngokufutshane ngobomi bakhe, usebenze kwiizitishi zemishini njengomfundisi womthetho-siseko wenkolo yobuKhrestu, waze wayigqibezela inkqubela-phambili yobomi bakhe njengomhleli wephepha-ndaba laseLovedale, Isigidimi samaXhosa, apho athe wayila waze wancedisa ekubhaleni izibongo ezithetha phandle ngokubhukuqa nokugweba imfundo yaseNtshona, ukulawulwa kwabantu abamnyama ngabaseNtshona nocalu-calulo ababephantsi kwalo. Lo kaGqoba wayengumfanekiso wendoda yomXhosa efundileyo. Ngokungenakulinganiswa nabani na, ngexesha lakhe lohlobo loluhlu lokubhala kwakhe, ebengumbhali weeleta, amabali eembali ezimfutshane, iinkcazelo zamaqhina, iimbali nezibongo, kuquka izibongo ezimbini ezide ezikwintlobo yeengxoxo-mpikiswano nezabakho ngaphezu kweminyaka engamashumi amahlanu kulwimi lwesiXhosa.
Le ncwadi idibanisa, ikwaguqulela imibhalo ebonakala ngokucace gca kaWilliam Wellington Gqoba kulwimi lwesiNgesi. Le mibhalo iveza imbono yombhali ngoguquko lwesizwe se-Afrika, ekuziqhelelaniseni ngendlela enganelisiyo kumasiko nezithethe nobulungisa baseNtshona, sikhangele ukuqinisekisa ubuni baso ngokuqwalasela kwixesha laso elidlulileyo, sime kwinkcochoyi yokuhlanganisa inkcaso yokuphathwa ngabantu abamhlophe kunye nokwakha intlalo, inkululeko yepolitiki nenkolo yesithanga saseNtshona.
===UNontsizi Mgqwetho===
UNontsizi Mgqwetho ebehlala kwiGoldfields zaseWitwatersrand eMzantsi Afrika, kodwa akazange ayilibale imvela phi yakhe yasemaphandleni phesheya kwenciba, nakumaxesha angaphambili olonwabo apho ubukhosi bamaXhosa obuzimeleyo babukhululekile kwingcinezelo yabebala. Kwisithuba esingangeminyaka elishumi, ukususela ngo1920 ukuya ku1929, wabhala izibongo kwiphephandaba laseRhawutini ''Umthetheli wa Bantu'', Nguye kuphela umntu wokuqala oyimbongi yasetyhini ukuvelisa umsebenzi onobutyebi kwisiXhosa.
Ngaphandle koku kuvelisiweyo kule mibhalo kuncinane kakhulu okwaziwayo ngobomi bakhe. Nge23 kaOkthobha 1920 wayevutha embokweni liqhayiya, umfutho emele izibongo zabasetyhini. Wayethumela imibongo rhoqo kweliphephandaba kwisithuba seminyaka emithathu ukusuka ku1924 ukuya ku1926. ukhe waphumla iminyaka emibini de imibongo yakhe emibini yokugqibela yaphuma ngoDisemba ka1928 nangoJanuwari ka1929. Waze wanyamalala kwisithukuthezi senzolo awayeqhamke kuyo.
Emva koko azange kuvakalento ngakwicala lakhe, kodwa ezi zibongo wazishiyayo zakhawuleza zamenza omnye wamagcisa amakhulu oncwadi akhe abhala isiXhosa. ulilizwi labasetyhini ababandezelekileyo omelana nolawulo ngamadoda, ukhokhelo olungahambeli ndawo, ukungazibandakanyi kwabantsundu, nomnqweno wokubukula nokohluka kwabebala, ukugxojwa kwezoqoqosho kunye nembali eyintlekele yenkulungwane yeshumi elinesithoba yokuhluthwa komhlaba nenkcubeko.
Amandla akhe uwafumana kunqulo olulolwakhe lwalowo unguThixo wamakrestu, nomama Afrika, nanjengempelesi yentsana zakhe, abo, agxininisa ukuba akudingeki baphendule kwizicelo zokubuya kwakhe njengokuba engazange ahambe, wayexhathise kubantu bakhe abamphoxayo.
Njengokuba imbongi kwakuhlala iyindoda, UNontsizi wayengavinjwa umboko wokubonga esidlangalaleni angakwazi ukunika intlonipho inkosi. Iphephandaba labeka izibongo zakhe ngokusesikweni laze lamnika itikiti lokungena kumphakathi owaphika isithethe. Wayekhululekile ukubonakali/ukuvelisa ilizwi lembongi, wathathe ilungelo lembongi lokugxeka iinkokheli. Njengembongi wayegxile kwimikhuba yoluntu, ejonge ukubumba indlela yokuziphatha kwabantu nokuhlanganisa izenzo zabo.
22zkfk6k83fn6y7g185m8xr8mor3q1u
AmaXhosa
0
3270
33944
33935
2022-08-19T09:10:45Z
Azoma2906
11771
new link
wikitext
text/x-wiki
[[File:Xhosa-children.JPG|thumb|280px]]
'''AmaXhosa''' ([[isiNgesi]]: ''Xhosa people'') — AmaXhosa liqela labantu base[[UMzantsi Afrika|Mzantsi Afrika]] elifumaneka e[[IPhondo laseMpuma-Koloni|Mpuma Koloni]]. Aba ngabantu bamasiko nezithethe . Bohlulwe ngokweziduko (Clan names) kunye nezizwe ezahlukeneyo. Izizwe abohlulwe ngazo ngamaGcaleka, ama[[Rharhabe]], imiDange kunye namaNdlambe. Kukho nezinye izizwe ezifumaneka kumaXhosa ezo ngabaThembu, abakoBhosha kunye nama[[Mpondo]].
Igama elithi isiXhosa okanye igama lamaXhosa lithathwe kwiKumkani yamaXhosa eyayibizwa ngokuba nguXhosa. Yona eligama yaliphiwa ngaBathwa ababesaziwa njengabantu bokuqala. Ngokolwimi laBathwa eligama lithetha ubungqongqo, ubundlobongela kunye nokucaphuka. Emva kokuthiywa kukaKumkani uXhosa kwatsho kwakho iqela labantu elibizwa ngamaXhosa kwaye elithetha isiXhosa.
AmaXhosa aphuma emaphandleni ayesakuba yiTranskei kunye neCiskei . Amanye ohlukana kubantu bakwaNguni kwimfazwe eyaye yadaleka eyayibizwa ngokuba yiMfecane. Nabo abo bantu babohlukene kwanguni ikwangamaXhosa kodwa isiXhosa abasithethi ngendlela efanelekileyo kwaye babiza iziduko ezohluka-hlukeneyo futhi baphuma kwizizwe ezahlukeneyo umzekelo: amaMfengu, amaBhele kunye namaZizi.
Aba bantu babizwa ngamaXhosa baneenkolo kunye namasiko. Basebenzisa amabali ukuze basombulule iingxaki zabo. Bakholelwa kuQamata. Ngokwesiko lawo izinyanya zawo ezingooyise mkhulu ababhubhayo zisebenza ukubakhusela. Amaphupha adlala eyona ndima inkulu ukuze umXhosa adibane no Qamata.
Kanti ke ngesizingomba izifuba sibeneqhayiya lokuba ooKhokho bethu zange banikezele kwabamhlophe kanti ke nezozizwe zintsundu ziphambili ngoku zalwa zaphumelela kuba yayizizizwana ezinoxolo nobuntu kwaye zingafuni mfazwe.
"Inkaba yakho iphi?" lombuzo amaXhosa adla ngokuwubuza xa efuna ukwazi ngemvelaphi yakho , umnombo wakho ukutsho , ikhaya , uzalwa ngubani ? , yena ezalwa phi ?
Eyonqulo lukaThixo indima yeyenye imini, okwangoku manditshaye kuba inqawe yam sele izicimele ifuna ukuqongqothwa!
<br />
[[Category:AmaXhosa| ]]
teip5u6i3omt6xd2pslmtkrxx8jhums
Imbeleko
0
4044
33943
32458
2022-08-18T20:08:48Z
196.25.94.222
wikitext
text/x-wiki
'''Imbeleko''' lisiko elithi lenziwe kwaXhosa ngenjongo zokwamkela umntwana kusapho . Aye athethe amaxhego namaxhagwazana bathi 'bamazisa kwizinyanya ukuze zimkhusele ezintweni ezimdaka nezingalunganga'. Xa lisenziwa ke elisiko kuye kuxhelwe ibhokhwe emhlophhe ebonisayo ukuba umntwana akanazono, usasandokuzalwa kuphekwe,kwenziwe notywala besixhosa umqombothi ke ukutsho . Umntwana lowo ke wenzelwayo uye aqatywe umhlaba obomvu (imbola) oxutywe namanzi kusikwe nenqatha lebhokwe lenziwe into eyineklesi ifakwe lembola yakhe ke nalo elo nqatha lijike libebomvu kusikwe nase sikhumbeni sebhokhwe leyo yakhe indawana encinci yenziwe ibhengile afakwe apha esihlahleni sakhe. Emva koko kuye kubekhona inyama ayityiswa yedwa ingavuthwanga (umkhono walobhokwe) kuthiwa uyashwama umntwana, ushwamela esithebeni sehlahla lomnquma, ushwama nomama lo amfukameyo. Abantu abangeka yenzelwa imbeleko abashwami kulamkhono. Elisiko alenziwa ngokufana kuye kohluke amakhaya neziduko, umzekelo ezinye iziduko zenza imbeleko nge nkomo. Elinye igama lembeleko kuthiwa ngumqabo.
Maxa wambi ubulunga okanye ke lebhengile okanye le necklace kuthethwa ngayo apha iphelekwa yintsimbi enxitywa apha esihlahleni ekuthiwa licamagu. Kweminye imizi ke umntwana xa athe wanxiba
icamagu akalufaki ufele esihlahleni Kokomo unxityiswa nje ubulunga apha emqaleni.
{{stub}}
Imbeleko lufele lwesilwanyana esasithi sixhelwe xakuthe kwazalwa usana kwelosapho luthile. Olufele lwalulungiselela ukuba usana olo luzelweyo lubenengubo yokombatha okanye ibhayi lokuba unina alubeleke. Isizathu sokulilungiselela olufele usana yayikukuba kwakungekhi zingubo kungekho mabhayi okubeleka umntwana, yiyo lonto lwalubizwa ngokuba yimbeleko. Ngenxa yokuba esisenzo sifana nezenzo zamasiko ngokuthi kuphalazwe igazi lesilwanyana,kwathi ke ekuhambeni kwexesha isenziwa lento kwade kwalahleka isizathu nonobangela wokwenziwa kwayo de abanye bayenza isiko, ibe ingelosiko yona. Kangangokuba yeenziwa isiko ngabanye, ude ayenzelwe umntwana nokuba sele edlule kwilixa lokubelekwa.
43y970ldcn0hx69nrbyu6y81qkk24lp
I-Transkei
0
4114
33947
28906
2022-08-19T09:17:41Z
Azoma2906
11771
wikitext
text/x-wiki
I-Transkei [[i-Ceskei|neCeskei]] yayingamaphandle awayehlala amaXhosa. Sizakuqwalasela iphandle eliyi-Transkei kweli phepha.
[[File:Transkei_in_South_Africa.svg|thumb]]
[[ITranskei]] yayisakuba lelinye lamaphandle awathi amiselwa ngurhulumente owayephethe phambi ko1994 nje ngamazwe azimeleyo apha emZantsi Afrika. Ngaloo minyaka eli phandle lalinezixeko ezingama-28 ezizezi zilandelayo: [[Mthatha|eMthatha]], [[kuTsolo]], eMount Fletcher, kuQumbu, eMount frere (kwaBhaca), eMount Aylif, eBhizana, eFlagstaff (eSiphaqeni), eLusikisiki, ePort St Johns, eLibode, Ngqeleni, [[eNgcobo]], eTsomo, eCofimvaba, Cala, eDutywa, eGcuwa, kuCentane, eMqanduli, eXhorha, kuGatyana, eTabankulu, eMzimkhulu, eMaluti, nezinye.
ITranskei yahlulwe ziintlanga ngeentlanga ezinje ngamaBomvana, [[amaMpondo]], [[abaThembu]], amaMfengu, amaBhaca, nezinye. Uhlanga ngalunye kwezi lunentetho yalo. Umzekelo, amaMpondo athetha isiMpondo, amaBhaca athetha isiBhaca, abaThembu namaBomvana bathetha isiXhosa. Kodwa zonke ezi lwimi ziyazalana kakhulu, kuba ingcambu eziphuma kuyo inye. Bathi khona besakuhlalelana bavane kakhulu ngentetho. Njengoko ingabantu abanye namasiko abo ebuyelelana, kukho apho nalapho bohluka khona. Kodwa ke ubukhulu becala ngabantu abanye benza izinto kunye. Umzekelo amaMpondo nabaThembu bebesendiselana. [[Umfazi]] wokuqala kaMandela yintombi yasemaQwathini. Owesibini yena Limpondokazi.
I-Transkei (oku kuthetha okokuba le yindawo ephesheya komlambo i-Kei), ngokwaseburhulumenteni bangaphambili le ndawo yayibizwa ngokuba yi-Riphabliki yeTranskei, kusithiwa yi-Bantustan—an, ingingqi ekuMzantsiMmpuma weSouth Afrika eyayibekelwe ecaleni ukuze ihlale amalungu ohlanga (oluntsundu) olwaluhlala kule ngingqi ukuze lube norhulumente walo othandwa lulo kwakunye nepalamente yalo. Ikomkhulu lale ngingqi kwakungUmtata nowatshintshwa ngo-2004 wabizwa ngokuba nguMthatha. I-Transkei yamfumana uzimele-geqe ngomnyaka ka1976. Abantu abaninzi bayakuyikhumbula imibhiyozo eyayibanjiwe kubhiyozelwa inkululeko yasetranskei ngalo nyaka ka1976. Kwabakho nekhakhakazi elikhulu apho kwakukhutshiswana ngelona culo elaliphambili kulo mbhizoyozo, culo elo lalisithi "ETranskei kuluvuyo, uzimele ufikile. siyavuya, siyagcoba, uzimele ufikile. Aa Dalinwonga!! A! Thole lesilo, sikuthule'umnqwazi, sithi wuntshu...".
Makhe silande emva unobangela wokokuba kubhiyozwe ngalo nyaka eTranskei.
Ithi imbali, urhulumente owayephethe ngaphambili kuka1994 wasebenzisa iilwimi zabantu abantsundu ukuze akwazi ukubacinezela, abacalucalule, ngokuthi abohlule abalawule bekwezo ndawo bakuzo bengadibani nabamhlophe ngokuthi abekela bucala ezo ndawo bakuzo, ukuze zonke ezo ndawo zibe phantsi kweliso lalo rhulumente wabamhlophe. Iilwimi zaseMzantsi Afrika ezazisaziwa nguloo rhulumente, phofu ke nangoku, zezo zifundwa ezikolweni, ezinye ilwimi azithathwa ngokuba ziilwimi zaseMzantsi Afrika okanye ziilwimi ezikhoyo kweli lizwe, nditsho nokokuba baninzi kangakanani na abantu abazithethayo, ukuba nje azikho ezikolweni, zithathwa ngokuba akuzolwimi zifanelekileyo. Nabantu bazo ke benziwa intlekisa. Yaya ivuthwa ngokuvuthwa ke lento, kangangokuba xa kwakusenziwa laa maphandle ngurhulumente wocalu-calulo, wenza amaphandle amane, amabini kuwo yaba ngawamaXhosa, iTranskei neCeskei njengoko sele kutshiwo apha ngasentla. Omabini laa maphandle kwathiwa akwiCape Province. ITranskei yamfuna umaziphathe ngo-1976, waza [[u-K D Mathanzima|uKaizer Daliwonga Mathanzima]] wangu-president wayo ngo1978 de kwangu1987. Le nkululeko yaseTranskei zange ihoywe ngamazwe amaninzi, ithatyathwa njengesixhobo sokucinezela abantu abantsundu [[uMzantsi Afrika|emZantsi Afrika]]. Yaba ngurhulumente wengcinezelo kuphela kunye namanye amaphandle afana nayo iTranskei awayemxhasa urhulumente kaMathanzima.
URhulumente wasemZantsi afrika wabekela bucala iindawo ezimbini kwiPhondo laseKapa waza wazenza amaphandle abantu abantetho isisiXhosa, elinye iphandle yaba yiCeskei; laza elinye kwaba yiTranskei neyathi yanikwa umaziphathe okanye uzimele-geqe ngo-1963. Nangona kunyulo lokuqala kwabakho abagqatswa kwaza kwaphumelela umbutho wabantu ababesinininzi i-Demokrasi ke ukutsho, umseki walo mbutho kwakungunkosi uVictor Poto, waphikiswa kummba welizwe elizimeleyo ngolawulo. Urhulumente waba ngumbutho ozimeleyo wesizwe sase (i-''Transkei the Transkei National Independence Party''). Kumalungu aweyeli-109 kurhulumente wengingqi, angama-45 awonyulwayo; ezinye izihlalo zabekelwa bucala zibekelwa iinkosi ezivela zaseburhulumenteni.
Lo rhulumente wabasisizwe esizimele ngokupheleleyo ngo-1976 phantsi kwekomkhulu laso eUmtata (nekungoku nje kuthiwa ngumThatha), nangona eli lizwe lalisaziwa ngumZantnsi Afrika kuphela laza ke ngokuhamba kwexesha laziwa nangamanye amaphandle awayekwangoorhulumente abazimeleyo kwinkqubo ye-TBVC-system. UNkosi uKaiser Daliwonga Matanzima wabayintloko yokuqala yeli lizwe de kwangumnyaka we-1978, lo ngunyaka awaqala ngawo ukuba ngumongameli, wasibamba esi sikhundla de kwangumnyaka wama-1987.
{{DEFAULTSORT:Transkei}}
[[Category:I-Transkei| ]]
[[Category:UMzantsi Afrika]]
eavs8ofh22ksq5l5kruxoay6ohpnblk
33948
33947
2022-08-19T09:21:40Z
146.232.82.227
wikitext
text/x-wiki
[[MQANDULI]]I-Transkei [[i-Ceskei|neCeskei]] yayingamaphandle awayehlala amaXhosa. Sizakuqwalasela iphandle eliyi-Transkei kweli phepha.

binpo5g6hv4kl24vzjrqi850w2sw3yu
33949
33948
2022-08-19T09:22:11Z

33950
33949
2022-08-19T09:22:37Z
146.232.82.227
wikitext
text/x-wiki
I-Transkei [[i-Ceskei|neCeskei]] yayingamaphandle awayehlala amaXhosa. Sizakuqwalasela iphandle eliyi-Transkei kweli phepha.
[[File:Transkei_in_South_Africa.svg|thumb]]
[[ITranskei]] yayisakuba lelinye lamaphandle awathi amiselwa ngurhulumente owayephethe phambi ko1994 nje ngamazwe azimeleyo apha emZantsi Afrika. Ngaloo minyaka eli phandle lalinezixeko ezingama-28 ezizezi zilandelayo: [[Mthatha|eMthatha]], [[kuTsolo]], eMount Fletcher, kuQumbu, eMount frere (kwaBhaca), eMount Aylif, eBhizana, eFlagstaff (eSiphaqeni), eLusikisiki, ePort St Johns, eLibode, Ngqeleni, [[eNgcobo]], eTsomo, eCofimvaba, Cala, eDutywa, eGcuwa, kuCentane, [[eMqanduli]], eXhorha, kuGatyana, eTabankulu, eMzimkhulu, eMaluti, nezinye.
ITranskei yahlulwe ziintlanga ngeentlanga ezinje ngamaBomvana, [[amaMpondo]], [[abaThembu]], amaMfengu, amaBhaca, nezinye. Uhlanga ngalunye kwezi lunentetho yalo. Umzekelo, amaMpondo athetha isiMpondo, amaBhaca athetha isiBhaca, abaThembu namaBomvana bathetha isiXhosa. Kodwa zonke ezi lwimi ziyazalana kakhulu, kuba ingcambu eziphuma kuyo inye. Bathi khona besakuhlalelana bavane kakhulu ngentetho. Njengoko ingabantu abanye namasiko abo ebuyelelana, kukho apho nalapho bohluka khona. Kodwa ke ubukhulu becala ngabantu abanye benza izinto kunye. Umzekelo amaMpondo nabaThembu bebesendiselana. [[Umfazi]] wokuqala kaMandela yintombi yasemaQwathini. Owesibini yena Limpondokazi.
I-Transkei (oku kuthetha okokuba le yindawo ephesheya komlambo i-Kei), ngokwaseburhulumenteni bangaphambili le ndawo yayibizwa ngokuba yi-Riphabliki yeTranskei, kusithiwa yi-Bantustan—an, ingingqi ekuMzantsiMmpuma weSouth Afrika eyayibekelwe ecaleni ukuze ihlale amalungu ohlanga (oluntsundu) olwaluhlala kule ngingqi ukuze lube norhulumente walo othandwa lulo kwakunye nepalamente yalo. Ikomkhulu lale ngingqi kwakungUmtata nowatshintshwa ngo-2004 wabizwa ngokuba nguMthatha. I-Transkei yamfumana uzimele-geqe ngomnyaka ka1976. Abantu abaninzi bayakuyikhumbula imibhiyozo eyayibanjiwe kubhiyozelwa inkululeko yasetranskei ngalo nyaka ka1976. Kwabakho nekhakhakazi elikhulu apho kwakukhutshiswana ngelona culo elaliphambili kulo mbhizoyozo, culo elo lalisithi "ETranskei kuluvuyo, uzimele ufikile. siyavuya, siyagcoba, uzimele ufikile. Aa Dalinwonga!! A! Thole lesilo, sikuthule'umnqwazi, sithi wuntshu...".
Makhe silande emva unobangela wokokuba kubhiyozwe ngalo nyaka eTranskei.
Ithi imbali, urhulumente owayephethe ngaphambili kuka1994 wasebenzisa iilwimi zabantu abantsundu ukuze akwazi ukubacinezela, abacalucalule, ngokuthi abohlule abalawule bekwezo ndawo bakuzo bengadibani nabamhlophe ngokuthi abekela bucala ezo ndawo bakuzo, ukuze zonke ezo ndawo zibe phantsi kweliso lalo rhulumente wabamhlophe. Iilwimi zaseMzantsi Afrika ezazisaziwa nguloo rhulumente, phofu ke nangoku, zezo zifundwa ezikolweni, ezinye ilwimi azithathwa ngokuba ziilwimi zaseMzantsi Afrika okanye ziilwimi ezikhoyo kweli lizwe, nditsho nokokuba baninzi kangakanani na abantu abazithethayo, ukuba nje azikho ezikolweni, zithathwa ngokuba akuzolwimi zifanelekileyo. Nabantu bazo ke benziwa intlekisa. Yaya ivuthwa ngokuvuthwa ke lento, kangangokuba xa kwakusenziwa laa maphandle ngurhulumente wocalu-calulo, wenza amaphandle amane, amabini kuwo yaba ngawamaXhosa, iTranskei neCeskei njengoko sele kutshiwo apha ngasentla. Omabini laa maphandle kwathiwa akwiCape Province. ITranskei yamfuna umaziphathe ngo-1976, waza [[u-K D Mathanzima|uKaizer Daliwonga Mathanzima]] wangu-president wayo ngo1978 de kwangu1987. Le nkululeko yaseTranskei zange ihoywe ngamazwe amaninzi, ithatyathwa njengesixhobo sokucinezela abantu abantsundu [[uMzantsi Afrika|emZantsi Afrika]]. Yaba ngurhulumente wengcinezelo kuphela kunye namanye amaphandle afana nayo iTranskei awayemxhasa urhulumente kaMathanzima.
URhulumente wasemZantsi afrika wabekela bucala iindawo ezimbini kwiPhondo laseKapa waza wazenza amaphandle abantu abantetho isisiXhosa, elinye iphandle yaba yiCeskei; laza elinye kwaba yiTranskei neyathi yanikwa umaziphathe okanye uzimele-geqe ngo-1963. Nangona kunyulo lokuqala kwabakho abagqatswa kwaza kwaphumelela umbutho wabantu ababesinininzi i-Demokrasi ke ukutsho, umseki walo mbutho kwakungunkosi uVictor Poto, waphikiswa kummba welizwe elizimeleyo ngolawulo. Urhulumente waba ngumbutho ozimeleyo wesizwe sase (i-''Transkei the Transkei National Independence Party''). Kumalungu aweyeli-109 kurhulumente wengingqi, angama-45 awonyulwayo; ezinye izihlalo zabekelwa bucala zibekelwa iinkosi ezivela zaseburhulumenteni.
Lo rhulumente wabasisizwe esizimele ngokupheleleyo ngo-1976 phantsi kwekomkhulu laso eUmtata (nekungoku nje kuthiwa ngumThatha), nangona eli lizwe lalisaziwa ngumZantnsi Afrika kuphela laza ke ngokuhamba kwexesha laziwa nangamanye amaphandle awayekwangoorhulumente abazimeleyo kwinkqubo ye-TBVC-system. UNkosi uKaiser Daliwonga Matanzima wabayintloko yokuqala yeli lizwe de kwangumnyaka we-1978, lo ngunyaka awaqala ngawo ukuba ngumongameli, wasibamba esi sikhundla de kwangumnyaka wama-1987.
{{DEFAULTSORT:Transkei}}
[[Category:I-Transkei| ]]
[[Category:UMzantsi Afrika]]
f1yougwqg6nhvue99sauauoqm80lyi0
Mathanzima
0
6453
33951
31453
2022-08-19T09:39:19Z
Azoma2906
11771
wikitext
text/x-wiki
UMathanzima wayeyinkosi yendawo ekuthiwa yiCofimvaba efumaneka eMpuma Koloni. UMathanzima wayefumaneka nakwi mali ekuthiwa kuseMthonjeni eCofimvaba entla oweQamata
15iwzfip0jow9y31ewlov81hcrcf866
33952
33951
2022-08-19T09:41:45Z
Azoma2906
11771
wikitext
text/x-wiki
UMathanzima wayeyinkosi yendawo ekuthiwa yiCofimvaba efumaneka eMpuma Koloni.
krvu3v078vy8ouhbmc9eh1xwri1f7qj
"''Ingwe idla ngamabala''"
0
6877
33940
2022-08-18T13:28:19Z
105.250.127.20
Created page with "Hello"
wikitext
text/x-wiki
Hello
syvtbocopvw4f81bf07ocly0sl8ybqo
ETranskei
0
6878
33941
2022-08-18T14:06:05Z
Mtyana
11772
Created page with "ITranskei waphesheya kweNciba ongumphumela wolawulo lwengcinezelo, apho uRhulument wengcinezelo owayelawula phambi konyaka ka-1994, wathi wohlula ulawulo ngokwamathanag ngenjongo yokuthintela ubunye kubantu abaNtsundu. Ngenxa yoku ke kwathi kwahlulwa phakathi kweCiskei kunye neTranskei, apho abemi bale mimandla babengavumelekanga ukutyelelana ngaphandle kwepasipoti. Iinkokheli ezininzi zomzabalazo wenkululeko ezifana notata u-O. R. Tambo, utata uNelson Mandela, uNjengel..."
wikitext
text/x-wiki
ITranskei waphesheya kweNciba ongumphumela wolawulo lwengcinezelo, apho uRhulument wengcinezelo owayelawula phambi konyaka ka-1994, wathi wohlula ulawulo ngokwamathanag ngenjongo yokuthintela ubunye kubantu abaNtsundu. Ngenxa yoku ke kwathi kwahlulwa phakathi kweCiskei kunye neTranskei, apho abemi bale mimandla babengavumelekanga ukutyelelana ngaphandle kwepasipoti. Iinkokheli ezininzi zomzabalazo wenkululeko ezifana notata u-O. R. Tambo, utata uNelson Mandela, uNjengel Bantu Holomisa nabanye, ziphuma kulo mmandla weTranskei.
sn66h8ptxa6gf8hemnukp18tp2gdazv
33942
33941
2022-08-18T14:07:48Z
Mtyana
11772
wikitext
text/x-wiki
ITranskei ngommandla waphesheya kweNciba ongumphumela wolawulo lwengcinezelo woMzantsi, apho uRhulument wengcinezelo owayelawula phambi konyaka ka-1994, wathi wohlula ulawulo ngokwamathanag ngenjongo yokuthintela ubunye kubantu abaNtsundu. Ngenxa yoku ke kwathi kwahlulwa phakathi kweCiskei kunye neTranskei, apho abemi bale mimandla babengavumelekanga ukutyelelana ngaphandle kwepasipoti. Iinkokheli ezininzi zomzabalazo wenkululeko ezifana notata u-O. R. Tambo, utata uNelson Mandela, uNjengel Bantu Holomisa nabanye, ziphuma kulo mmandla weTranskei.
8ta87u7ctk0jkfetqqphl5784osekup
Rharhabe
0
6879
33945
2022-08-19T09:11:14Z
Azoma2906
11771
Created blank page
wikitext
text/x-wiki
phoiac9h4m842xq45sp7s6u21eteeq1