Wikipedia xhwiki https://xh.wikipedia.org/wiki/Iphepha_Elingundoqo MediaWiki 1.39.0-wmf.23 first-letter Media Special Talk User User talk Wikipedia Wikipedia talk File File talk MediaWiki MediaWiki talk Template Template talk Help Help talk Category Category talk TimedText TimedText talk Module Module talk Gadget Gadget talk Gadget definition Gadget definition talk AmaXhosa 0 3270 33923 33496 2022-08-11T11:49:13Z 146.232.65.110 wikitext text/x-wiki [[File:Xhosa-children.JPG|thumb|280px]] '''AmaXhosa''' ([[isiNgesi]]: ''Xhosa people'') — AmaXhosa liqela labantu baseMzantsi Afrika elifumaneka eMpuma Koloni. Aba ngabantu bamasiko nezithethe . Bohlulwe ngokweziduko (Clan names) kunye nezizwe ezahlukeneyo . Izizwe abohlulwe ngazo ngamaGcaleka, amaRharhabe , imiDange kunye namaNdlambe. Kukho nezinye izizwe ezifumaneka kumaXhosa ezo ngabaThembu, abakoBhosha kunye nama[[Mpondo]]. Igama elithi isiXhosa okanye igama lamaXhosa lithathwe kwiKumkani yamaXhosa eyayibizwa ngokuba nguXhosa. Yona eligama yaliphiwa ngaBathwa ababesaziwa njengabantu bokuqala . Ngokolwimi laBathwa eligama lithetha ubungqongqo , ubundlobongela kunye nokucaphuka . Emva kokuthiywa kukaKumkani uXhosa kwatsho kwakho iqela labantu elibizwa ngamaXhosa kwaye elithetha isiXhosa. AmaXhosa aphuma emaphandleni ayesakuba yiTranskei kunye neCiskei . Amanye ohlukana kubantu bakwaNguni kwimfazwe eyaye yadaleka eyayibizwa ngokuba yiMfecane . Nabo abo bantu babohlukene kwanguni ikwangamaXhosa kodwa isiXhosa abasithethi ngendlela efanelekileyo kwaye babiza iziduko ezohluka-hlukeneyo futhi baphuma kwizizwe ezahlukeneyo umzekelo : amaMfengu , amaBhele kunye namaZizi . Aba bantu babizwa ngamaXhosa baneenkolo kunye namasiko . Basebenzisa amabali ukuze basombulule iingxaki zabo. Bakholelwa kuQamata . Ngokwesiko lawo izinyanya zawo ezingooyise mkhulu ababhubhayo zisebenza ukubakhusela . Amaphupha adlala eyona ndima inkulu ukuze umXhosa adibane no Qamata . Kanti ke ngesizingomba izifuba sibeneqhayiya lokuba ooKhokho bethu zange banikezele kwabamhlophe kanti ke nezozizwe zintsundu ziphambili ngoku zalwa zaphumelela kuba yayizizizwana ezinoxolo nobuntu kwaye zingafuni mfazwe. "Inkaba yakho iphi?" lombuzo amaXhosa adla ngokuwubuza xa efuna ukwazi ngemvelaphi yakho , umnombo wakho ukutsho , ikhaya , uzalwa ngubani ? , yena ezalwa phi ? Eyonqulo lukaThixo indima yeyenye imini, okwangoku manditshaye kuba inqawe yam sele izicimele ifuna ukuqongqothwa!  <br /> [[Category:AmaXhosa| ]] h9n12ljdgcx60c7b5us5zndyx8foueb Samuel Edward Krune Mqhayi 0 3683 33921 33011 2022-08-10T13:00:24Z 146.231.192.13 wikitext text/x-wiki [[File:Samuel Edward Krune Mqhayi.jpg|thumb]] '''Samuel Edward Krune Mqhayi''' (S. E. K. Mqhayi, [[1]] eyoMonga 1875 - 29 eyeKhala 1945) wayeyimbongi yesiXhosa ekwanguye nombhali wembali. U-Mqhayi wazalelwa eMpuma koloni, waze wafundela ubutishala e-Lovedale . Ngaphandle kobutishala ebekwancedisa ekuhleleni ijenali zesiXhosa. Waye watyunjelwa kwibhodi yokuhlaziya iBhayibhile yesiXhosa ngonyaka we1905. Emva koko waye wancedisa ukuhambelelanisa umgangatho wencwadi no bhalo lwesiXhosa . waze wabuya waba ngumbhali ngokupheleleyo [1] Phakathi konyaka we 1896 nowe 1944 waba yintatheli ebhala nakafuthi iphepha lesiXhosa. Ngowe 1907 wabhala inoveli yakhe yokuqala yesiXhosa U-Samson, neseyalahlekayo.Ngowe 1914 washicilela incwadi ethi Ityala lamawele , neyaba nempembelelo ezimandla ekukhuseleni imithetho yesintu nezithethe zakwaXhosa .[2] Wazifumanela ukwaziwa nodumo ngendima awayidlalayo ekubhaleni umbongo othii "Nkosi Sikelel' iAfrika," nowaye wababuya wabandakanywa kumhobe wesizwe selizwe elikhululekileyo lomZantsi Afrika. Incwadi yembali ngobomi bakhe ithi UMqhayi waseNtab'ozuko.[3] Ngowe 1929 wabhala incwadi esihloko esithi - Utopia nethi UDon Jadu. Ngowe 1935 wamkela ibhaso le May Ester Bedford kuncwadi. Ebuncincaneni bakhe u- Nelson Mandela , wamhlonipha lokaMqhayi njengembongi yabantu baseAfrika,"[5] nawathi wanecham lokumbona amatyeli amabini ngeliso lenyama, noyolo olungenasiphelo lokumva ecengceleza.? Ebeligorha neqhawe eMzantsi Afrika uphela. Uyimele inyaniso kwaye uyidlalile indima yakhe wasakha isizwe sele sitshabalele. Uyimbongi eyaziwayo kunye nombhali odumileyo. Zininzi iincwadi neemibongo ayibhalileyo. Ebeyimbongi yomthonyama .....siyo hlala simkhumbula. Bathamsenqelekile abo balifumeneyo ithuba lokuthetha naye nabambonileyo ngeliso lenyama. Wenze umsebenzi ooncomekayo kwaye ukuthaze ababhali abaninzi ukuba baqhubeke ngetalente yabo. ==Izikhombisi== Smith, David James. Young Mandela. Kent: Weidenfeld & Nicolson, 2010. ==Iimphawulo== * [[Senekal, B. A. "Biografische gegevens". NEDWEB. Retrieved 2008-04-19|J]] Senekal, B. A. "Biografische gegevens". NEDWEB. Retrieved 2008-04-19. * Opland, Jeff. 'The First Novel in Xhosa'. Research in African Literatures, Volume 38, Number 4, Winter 2007, pp. 87–110 * Opland, Jeff (December 22, 2007). "The first novel in Xhosa.(S.E.K. Mqhayi' USamson)". Indiana University Press. Retrieved 2006-08-10. * Barber, Karin (2006). Africa's Hidden Histories: Everyday Literacy and Making the Self. Indiana University Press. ISBN 0-253-34729-7. * Smith 2010, p. 32. ==Amagqabantshintshi okukhula kwakhe== USamuel Edward Krune Mqhayi ngumbhali weencwadi nemibongo yesiNtu eliqela eyaziwayo nethandwayo kakhulu ngabantu.Wathi wazalelwa kwiNtili yeTyhume, kwaGqumahashe ngomhla wokuqala kweyoMnga ngomnyaka wamawaka alishumi elinesibhozo namashumi asixhenxe anesihlanu (1 Disemba 1875)<ref>{{cite book |last1=Mqhayi |first1=Samuel Edward Krune |title=A short autobiography of Samuel Edward Krune Mqhayi |date=c. 1945 |url=http://hdl.handle.net/10962/19525 |accessdate=22 February 2019}}</ref>.Ukhule engumfana okrelekrele nosithandayo kakhulu isikolo. Uthe xa enethoba leminyaka wayokuihlala nomalume wakhe, uNzanzana Mqhayi, kwiilali zakuKhobonqane, ku[https://en.wikipedia.org/wiki/Kentani Centane]. Apho ke ufike wafunda kakhulu ngamasiko, iindlela zesiNtu nehlobo ephila ngalo imiDaka yakowethu. Ebehamba iinkundla zakomkhulu efunda lukhulu ngamasiko. Nothando lwakhe lokubhala ke luvele ngeli lixa kuba ebethi naxa esalusa namanye amakhwenkwe athi akubona incwadi okanye iphepha elibhaliweyo alichole alifunde. Wakunonophela ke ukubhala ekuxabise ngolona hlobo lumangalisayo de wayokuqabelisa amabanga akhe ophakamileyo emfundo, waqeqeshelwa ubutitshala eLovedale, eDikeni. Uxelenge kwalapho eLovedale njengomhlohli okwethutyane ze wemka wayokuxelenga kwelaseMonti. Nangona wayehlohla nje okaMqhayi wayengayithando kuyaphi imfundiso yaseNtshona, ebethelela ngamandla ukufundiswa kwembali yabaNtsundu. Uqale ukubhala ngokuthi emana ethumela amanqaku kwiphephandaba lesiXhosa, IZwi Labantu. Amanqaku akhe okuqala aquka abe “Ngelizwe lamaNdlambe” nango “Ntsikana” namanye aninzi. Waziwe ngabaninzi nje nge "Mbongi yeSizwe" njengoko ebongwa ngumfo kaJolobe kwincadi yabafundi bebanga leshumi, u"Vukani Madoda Kusile". Emva koko ubhale uthotho lwemibongo kunye neenoveli ezakhayo nezizele ziimfundiso. Umqulu wakhe wokuqala wemibongo obizwa "Imihobe nemiBongo" uphume ngowe- 1927 uquka kuwo nomhobe weli uNkosi sikelel'iAfrika <ref>{{Cite web |url=http://kaganof.com/kagablog/2007/10/03/sek-mqhayi-a-call-to-arms |title=Archive copy |accessdate=2013-07-25 |archive-date=2012-03-10 |archive-url=https://web.archive.org/web/20120310090323/http://kaganof.com/kagablog/2007/10/03/sek-mqhayi-a-call-to-arms/ |dead-url=yes }}</ref>. Ulandulele eli ngomhla wamashumi amabini anesithoba kweyeKhala ngomnyaka wamawaka alishumi elinesithoba namashumi amane anesihlanu (29 Julayi 1945)ze wayokubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela kuNtab'ozuko kude kufuphi, eQonce. Ushiye ngasemva uthotho lwemiqulu neemfundiso eziyokuhlala zingumzila ongenakulibaleka noyakulandelwa zizizukulwana nezizukulwana eziNtsundu. ==References== {{reflist}} ==External links== *{{cite web | date=October 3, 2007 | url=http://kaganof.com/kagablog/2007/10/03/sek-mqhayi-a-call-to-arms/ | title=S.E.K. MQHAYI - A CALL TO ARMS | publisher=Kagablog | accessdate=2008-04-19 | archive-date=2008-01-13 | archive-url=https://web.archive.org/web/20080113004748/http://kaganof.com/kagablog/2007/10/03/sek-mqhayi-a-call-to-arms/ | dead-url=yes }} {{DEFAULTSORT: Mqhayi, Samuel Edward Krune}} [[Category:Ababhali]] gabwpl1pa3zi95bujbjxklm4fa9tt21 User talk:Velimir Ivanovic 3 6869 33922 2022-08-11T07:47:10Z Liuxinyu970226 3472 Created page with "<div lang="en" dir="ltr" class="mw-content-ltr"> == Global ban proposal notification == Apologies for writing in English. {{int:Please-translate}} There is an on-going discussion about a proposal that you be globally banned from editing all Wikimedia projects. You are invited to participate at [[:m:Requests for comment/Global ban for Velimir Ivanovic|Requests for comment/Global ban for Velimir Ivanovic]] on Meta-Wiki. {{int:Feedback-thanks-title}} ~~~~" wikitext text/x-wiki <div lang="en" dir="ltr" class="mw-content-ltr"> == Global ban proposal notification == Apologies for writing in English. {{int:Please-translate}} There is an on-going discussion about a proposal that you be globally banned from editing all Wikimedia projects. You are invited to participate at [[:m:Requests for comment/Global ban for Velimir Ivanovic|Requests for comment/Global ban for Velimir Ivanovic]] on Meta-Wiki. {{int:Feedback-thanks-title}} Iqonga lakho othetha kulo 07:47, 11 EyeThupha 2022 (UTC) lqqxcz7hb1qgyp7h92jp96rkj1guwuz